Paul Yeboah

Paul Yeboah
Born Eyomsintsi 22, 1970
Residence Techiman, Ghana
Nationality Ghana
Education
I-Diploma kwiZiko lezoLimo lwezoTimo kunye neSatifikethi seMvume yokuLawulwa kweMvume
Occupation Agro_farmer and Sustainable Development Community Educator
Spouse(s) Agnes Ameyaa
Children Abantwana bathathu (3)
Website
https://permacultureghana.wordpress.com/

UPawulosi Yeboah, ngutitshala, umlimi, iphemikhaltshararist (permaculturist), umakhi woluntu, kwaye ungunontlalontle ngokwezoshishino. Yena ungumqali okanye umyili nomququzeleli weGhana Permaculture Institute and Network (isikolo sezolimo lwezityalo ezikwiindawo ezishushu nomnatha woluntu) esiseTechiman, eGhana, ekwintshona yeAfrika. Ifumaneka endaweni ekuthwa yi- Brong-Ahafo eyingingqi yaseGhana. Injongo yesisikolo kukwakha nokugcina inkqubo yokutya izinzile, ukukhathalela indalo yendawo ekufutshane nokuphucula umgangatho wobomi kwiindawo ezisemaphandleni.[1][2] [3]  Esisikolo esikwabizwa ngokuba yiGNP ngamafutshane, siqeqesha okanye silola abafundi ngeendlela namaqhinga wolimo oluzinzileyo (sustainable ecological farming techniques ngesingesi). Bakwaxhasa namalima; amaqela amabhinqa, imadlana yokuncedisa kumalima, bafundisi ngokulima imoringa; uveliso lamakhowa; ukutyala ukutya phakathi kodweliso lwemithi, uphuhliso lwehlathi lokutya kunye nolimo-hlathi (kungenzeka ukuba ligama elitsha eli, lithetha indlela yokusebenzisa umhlaba ngokutyala imithi pakathi kwezityalo).[4][5]

Phemikhaltsha izekeleliswe kwinkqubo yozinzo lwendalo. Inkqubo yezolimo esebenzisa indlela ezigcina umhlaba uchumile, izityalo nemfuyo isempilweni entle. Ikhuthaza ukhuseleko lendalo nendawo eyingqungileyo nokuphila kwayo; ukuze ihlala indalo ingcinakele futhi ingcine izixhobo zendalo izingcinela ixesha elizayo okanye ingcinela amangomso. Ivuselela umhlaba umoshakeleyo nemithi egawuliweyo. Lomnatha wehlobo lwezolima ekuthiwa yiphemikaltsha ukuthaza lendlela yolimo emakhaya. Uphulo lalomnatha wozolima kukukhuthaza, ukufundisa, nokupapasha ukusetyenziswa kwephemikaltsha ngamafama (ngabalimi) nabantu baseGhana, into ezakubanegalelo ekumeni nokuba indalo ibekwimeko entle futhi kubekho nokuzinza kwikamva lelizwelaseGhana.

Bagcina namavoluntiya, abafundimsebenzi, abafundi bamazwe ngamazwe, esisikolo sokwanguye nomnatha wezolimo nabalimi ulilungu lamnatha waseGhana obizwa ngokuba yiEcovillage. Ongumbutho okanye intlangano wenkokheli nemisebenzi yophuhliso oluzinzileyo. uPaul Yeboah ungusekela mongameli weGEN esebenzela ukuphuhlisa nokupapasha amanyathelo asekhaya nozinzo eGhana. Phemikaltsha iguqula uluntu eGhana ngemfundo okanye uqeqesho, uveliso lokutya, ukuphuma uphulo, uphuhliso lwezakhono, ukukwazi ukuzimela nokuzonelisa, nokwakho amashishini asakhasayo.

  1. "Archive copy" archived from the original on 2018-07-04 retrieved 2018-07-22 
  2. "Archive copy" archived from the original on 2016-10-28 retrieved 2018-07-22 
  3. https://uk.lush.com/article/paul-yeboah-and-gpi
  4. http://fiohnetwork.org/wp-content/uploads/2015/09/PAUL-TESTIMONY.pdf
  5. https://ecovillage.org/ghana-permaculture-institute/

Developed by StudentB